Gcobisa Mgqibela wazalwa ngonyaka ka 1991 ezalelwa kwidolophu yase Flagstaff kwilali yaseNdakeni eMpumakoloni. Ngo 2005 walishiya iphondo laseMpumakoloni ebhekise kwelaseGoli apho wayeyofunda khona amabanga akhe aphakemeyo. Waphuma kwesosikolo ngonyaka ka 2009.
Ngonyaka la 2012 wangena e Sedibeng College waphuma ne certificate se Management Assistant.
Ngo 2018 kulapho aqale khona ukuphuhlisa isakhono sakhe sokubhala kwikhasi lika facebook. Ukusuka ngoko zange abesasitshalazela esisiphiwo sokubhala. Usabhale amabali amaninzi kwelikhasi lika facebook. Ngonyaka ka 2020 wangenela ikhuphiswano lwababhali belwiimi ezohlukeneyo ku Viva Afrika. Nalapho waye wachongwa nje ngophumeleleyo kulwimi lwesiXhosa. Usajongwe kokukhulu lombhali,indlela isaya phambili.