Error loading page.
Try refreshing the page. If that doesn't work, there may be a network issue, and you can use our self test page to see what's preventing the page from loading.
Learn more about possible network issues or contact support for more help.

Ndixolele

ebook
2 of 2 copies available
2 of 2 copies available

uNdixolele libali elingentwazana uNoluvuyo, owathi ngenye imini evela emsebenzini wadibana nexhego awathi walinceda lisengxakini.

Uthi xa evalelwe yimvula eyatsho ngamandla esendlwini yeli xhego, bafumana ixesha lokwazana, into leyo eyabenza babaliselana ngeziganeko ezithile ebomini babo. Kuye kuhlwe ke eselapho uNoluvuyo ngenxa yokukhululeka komphefumlo wakhe kwelo khaya. Uthi xa elungiselela ukugoduka, imvula isanqumamile. Kunkqonkqozwe emnyango.

Ukungena kwelo ndwendwe kwamothusa kakhulu uNoluvuyo, yanikezel' ingqondo waf' isiqaqa. Wothuka apho ixhego nendwendwe elo libhidekile ngulo mothuko ungaka. uNoluvuyo apho untywizisa iinyembezi ngokungazenzisiyo ziinkumbula ezibuhlungu ezaziquka indwendwe elo.

Okulandelayo kulo mzi, luvavanyo lweentliziyo zabo bangaphakathi, ukuba bakulungele na ukuxola, baxolele, ukuze bajongane namangomso ayakuthi ohluke kwizinto zakudala. Amangomso anokuthi kanti anoxolo nezinto ezimangalisayo ezingalindelekanga nezimnandi, zonke zisenziwa kukwenza isigqibo esinzima sokuxolela.

Formats

  • OverDrive Read
  • EPUB ebook

subjects

Languages

  • Xhosa

Loading