Error loading page.
Try refreshing the page. If that doesn't work, there may be a network issue, and you can use our self test page to see what's preventing the page from loading.
Learn more about possible network issues or contact support for more help.

Isikhalo Sakho Nomdade Siluncuthu Kwezam Indlebe

ebook
2 of 2 copies available
2 of 2 copies available

Le ncwadi ethi "isikhalo sakho
nomdade siluncuthu kwezam iindlebe"
ibalisa ngobomi benzwakazi esaze ngobuso elizweni ebizwa ngokuba nguKwenzeka. UKwenzeka nguntondo kokwabo futhi ke nanje ngabo bonke oontondo, ukhule esazi ukuba yonke into ayifunayo okanye ayinqwenelayo
uyayifumana. Abazali bakhe kunye nabanye abantwana azalwa nabo bebengayiboni iyingxaki into yokuzama ngako konke okusemandleni abo
ukuba afumane konke akulangazelelayo ngenxa yothando ababenalo. Ukubonisa inkathalo kunye
nothando kwezihlobo nezalamane zikaKwenzeka kwenze ukuba azibone engcono kunomntu wonke aphila naye, waqalisa ukuba nekratshi nokuzicingela yedwa. Abazali bakhe baye bacinga ukuba uzakukhula aguquke kanti bakhe phantsi isitya sigcwele kuba waye eqiniseka
ukuzibona yedwa. Kuthe nje ngoba uKwenzeka ekhule eshiyelwa izinto ngusisi wakhe uBabalwa kuba esithi mncinane, akafuna nokuyiqhela into
yokuba ezinye izinto akwabelwana ngazo. Oku kwenze ukuba uKwenzeka afune indoda kadade wabo ngenkani futhi esebenzisa igunya lokuba uqhelile ukushiyelwa izinto nguBabalwa ngoku ke akaboni kuyinto engalunganga ukungena ezinyaweni zakhe emtshatweni wakhe. Konke oku kudale ukrutha-kruthwano, kunye nendzondo phakathi kwesisibini. Oludushe lwezintwazana zizanayo zikhokhelele ekubeni kubekho uqhekeko olwenzekayo kusapho lwabo
kuba kaloku bekunyanzelekile ukuba ilungu ngalinye losapho likhethe icala. UBabalwa zange afumane nkxaso ingako ebazalini bakhe nangona
wayenoxinzelelo lwengqondo ngenxa yokubona ukuba umtshato wakhe uyachitheka futhi esola ukuba uKwenzeka unesandla kulento. Abazali babengayithatheli ngqalelo into yokuba uKwenzeka abonakale nje ngomenzi wobubi kuba wayengabaniki sizathu soko kuba kaloku wayeyingcuka eyambethe ufele lwegusha ngoku ke kwakunzima ukuba uthi intsolo ezazibekwa ngudade wabo ziyinyani. Ukungayijongi ngeliso elibukhali indlela uKwenzeka awayeziphethe ngayo kwaye kwasuba imiphefumlo engenatyala ngenxa yezenzo zakhe ezimdaka, futhi abazali bakhe bothuka sekophulwe. liyinene elithi 'umthathi uyawuzala umlotha', ngubani owayesazi ukuba amakholwa angazala umntwana onentliziyo emdaka nje ngoKwenzeka?. Ukusweleka kukaBabalwa kunye nowakwakhe, uKhwezi kwabangwa zizenzo zikaKwenzeka ezajika zamjikela ekugqibeleni.

Formats

  • OverDrive Read
  • EPUB ebook

subjects

Languages

  • Xhosa

Loading