Ihlwempu lasemaMpingeni liziva liphoxekile xa lingafumani ncedo nankathalo kwisityebi somfundisi ekuthiwa nguPhakamile.
UMpinga nowakwakhe, uMaFaku, ngabakhonzi abaphambili ecaweni kaPhakamile. UMaFaku uye ahlaselwe sisifo somhlaza webele kufuneke ukuba aye esibhedlele ukuze atyandwe kukhutshwe umhlaza lowo. Kodwa imali efunekayo esibhedlele ukuze kwenziwe olo tyando ingaphaya kwamandla kaMpinga nowakwakhe. Umkakhe egulela ukufa, uMpinga uye athi chu aye kucela uncedo lwaloo mali ifunekayo kweso sityebi somfundisi singuPhakamile. Kodwa uPhakamile uye athembise ngomthandazo kuphela angakhuphi nesenti emdaka.
Emva kokuba ephoxakele kwaPhakamile, uMpinga uye azincame enze into awayengazimiselanga ukuba angaze ayenze ebomini bakhe. Uye athi chu aye kucela uncedo kwisityebi sexhego esidume ngesinyeliso sobuhedeni nokuthwala. Elo xhego nguGawusha. UMpinga uye amkelwe ngobubele nobuntu obumangalisayo kuloo mzi kaGawusha. Ngaphaya koko uye ayifumane loo mali ifunekayo ukuze atyandwe uMaFaku.
Emva kokuba utyando lukaMaFaku lube yimpumelelo, uMaFaku noMpinga baye benze isibhambathiso sokuba abayi kuze baphinde balubeke ecaweni kaPhakamile. Ngaphaya koko uMpinga uye abize imbizo kuloo lali yakwaMaguda atsho achazele bonke abantu isizathu sokuba bangabonakali ecaweni. Abantu baye bathi bakuva isizathu sabo nabo babaxhase bathi abayi kuphinda balubeke kuloo cawa.
NgeCawa elandela uMgqibelo wembizo uPhakamile nowakwakhe baye bafike ecaweni kukhal' ibhungane. NgoMvulo iye ipatyalake ibhobhile!
2 of 2 copies available
2 of 2 copies available
-
Creators
-
Publisher
-
Release date
March 31, 2020 -
Formats
-
OverDrive Read
- ISBN: 9780463365090
-
EPUB ebook
- ISBN: 9780463365090
- File size: 244 KB
-
-
Languages
- Xhosa
Loading
Why is availability limited?
×Availability can change throughout the month based on the library's budget. You can still place a hold on the title, and your hold will be automatically filled as soon as the title is available again.
The Kindle Book format for this title is not supported on:
×Read-along ebook
×The OverDrive Read format of this ebook has professional narration that plays while you read in your browser. Learn more here.