Le yinoveli enebali eliqhubeka eMonti naseBhayi eligxile kwezothando nezomtshato. Noko linazo iindawo eziwonwabisa uthi thimbilili umphefumlo womfundi, kodwa ligqame ngeziganeko ezihlahlambisa umzimba: nezibonisa mhlophe ukuba ikroba lengcinezelo ngakwisini soomama kubomi base luthandweni, okanye nase mtshatweni wababini, livulwa ngamandla kukungaphangeli kwabo beeqhiya.
Yiva intetho kaMboniso nongumlinganiswa oyintloko xa athi wanga angabuyela kwimihla kwakuse luyolo phakathi kwakhe nowakwakhe uMondli Phakade: "Sibe nosuku olulodwa lokukhe sithathe iifoto kwiindawo zonke esihamba kuzo, ooMitchels Plain, ooTable Mountain njalo njalo. Ndifika kuzo ndilinenekazi leponti ndisalatha ngophakathi"
Nale yomyeni wakhe ngexesha lokujika kwezinto phakathi kwabo xa athi:
''No maan, no, sukuqala ngezi zinto zoos'thandwa sam apha, kuba uyandigezela. Andiyifuni tu le nto uyenzileyo ukuba uyokuthetha nomama kunye nosisi ngezinto zethu. Lo mtshato ngowam nawe, hayi abanye abantu"
Ngokunjalo, nale yangemihla kaqulukubhode athe wamenza uMboniso phambi kokuba azinikezele emapoliseni, asele ethontelene ngaphandle kwenkonzo yaseBhayi apho kwakuqhubeka khona umngcwabo womyeni wakhe obhubhe ngokugovozwa ngebhozo:
''Uthuthu tata, lusasazeni elwandle, ngolo hlobo nizakuba niyawukhulula umphefumlo wam ukuze ndiqale ubomi ngokutsha nokuba kuphi na apho ndikhoyo"
Imbali ngombhali
Umbhali wale ncwadi uNkosazana Thina Namba wazalwa ngomhla we 27 KweyeKhala ngonyaka wama 1974. Yintombi le eyinzalelwane yaseNgqushwa. Izithwaselo zakhe zemfundo enomsila ziquka ezi zilandelayo: Marketing Mangement N Diploma awayizuza eEast London College, iBachelor's Degree kwi Public Administration ayizuze kwi Dyunivesiti yase Fort Hare, Office Management NQF 6 ayizuze eUNISA, phakathi kwezinye.
Amava akhe kwezo kuxelengela inyama aquka ukusebenza kwiKomkhulu lamaRharhabe eMngqesha, kananjalo nokusebenza kwiNdlu yeeNkosi zeMpuma Koloni phakathi kwezinye iindawo awayesebenze kuzo. Echaza ngothando nokuvunda kwakhe kulwazi lwesithethe, inkcubeko nembali ngobomi bamaXhosa uthetha enje-nje: "Ukusebenzela la maqumrhu angentla apha kwathi kwalunzulisa uthando lwam kubuzwe nentlalo kaXhosa ngokunjalo nolwimi. Kwatsho kwashukuma usana entliziyweni yam, lwandenza ndazimanya nokubhala amabali adalelwe ukonwabisa abantu, kodwa enayo nemfundiso ngezithethe, amasiko abaNtsundu nemiba etshisa ibunzi kule mihla siphila kuyo. Le sithetha ngayo apha sisiqalo sam ukulandela eso sigqibo. Kubantu abathe bandiqinisa amadolo, bandivundisa ngakumbi kulwazi lwam ndingabalula iinkosi zeli Phondo, izihlobo nezalamane"
-M.S. Mlandu