Olu luluhlu lwemibongo ebhalwe ngababhali abanamava. Imibongo ibhalwe ngendlela enika umdla nekhuthaza umntu oyifundayo abe nomdla kulwimi lwesiXhosa. Ulwimi olusetyenzisiweyo lutyebile, kodwa oko akwenzi kube nzima ukuyonwabela le mibongo.
Imibongo ichaphazela imiba efana nezopolitiko, imfundo, imbali kaXhosa ngemihla yamandulo, indima yabasetyhini kwakunye nemiba efana nokuxhatshwazwa kwabantwana neziyobisi. Sithi kuwe ke mfundi: "Sela Emthonjeni".