Amabali amafutshane abhalwe kulencwadi ayingqokelela yeziganeko ezohlukeneyo. Ezinye iziganeko zizinto ezenzeka phambi kwethu, ezinye ke ziziganeko esiziva ngembali.
Ndiyacinga ukuba wonke umntu unayo imbali yokukhula okanye yeziganeko azibone ngexesha ekhula. Yonke imihla kukho into ongayithetha ngobomi ngezinto ezintle nezimbi ngobomi bakho.
Ukubhala ngamanye amaxesha kukufuna ukuyala nokulumkisa ngandlela ithile. Omnye umntu angayibona njengento engenamsebnzi into yokubhalela abantwana bakho. Kulencwadi ke ndiyabonaklisa ukuba ubomi abunzimanga olohlobo. Ndibulela kananjalo kumzali wam, othe wayiveza iminqweno yakhe ngekamva lam.
Thina bantwana bantsundu ingakumbi abasuka eMpuma Koloni, sibanayo ingxaki sakufika apha ezidolophini. Ubomi obukhawulezayo, ukuya eYunivesthi, ukuhlangana nabahlobo abatsha kwakunye nabalingane. Ngaphandle kokuba ndiyaphazama, abazali bethu babengenayo indlela yokusilumkisa ingakumbi thina mantombazana. Kwakunzima ukuba umzali ukuxelela ngezinto zobomi, umzekelo, iindlela zoziphatah kwamakhwenkwe okanye amantombazana, ukuzikhusela, ukufezekisa iminqweno yakho kwizinto ofuna ukuzenza usakhukhula.
Babesuka bakungxolise xa bekucingela ukuba sele ufikelele kwithuba lokwenza oko. Zizinto ke ezo ezithi zibonakalise ubomi bakho usakuba wedwa uzenzela isigqibo.