Error loading page.
Try refreshing the page. If that doesn't work, there may be a network issue, and you can use our self test page to see what's preventing the page from loading.
Learn more about possible network issues or contact support for more help.

Ithunga lizala ngumphehlulu

ebook
1 of 1 copy available
1 of 1 copy available

Le ncwadi ilumkisa umlisela nomthinjana ukuba uchalarhe kwizinto ezinokubabhangisela ikamva. Ibhentsisa izinto ulutsha oluthi lutyhulube phakathi kwazo. Ikwacebisa malunga neendlela zokuzikhwebula kwizinto ezingakhiyo nezinamakhwiniba anokukhehleza ubomi bomntu. Itsho iqhwabela izandla ikwantyontyela izenzo ezihle ezinokwandisa imihla yokuphila komntu. Umbhali wakhel' umkhanya indlela indalo ethi imxhase ngayo umntu nto le efuna nomntu ayinonelele esazi ukuba yakwaphusa indalo nobomi bakhe buyatshabalala.

Kule ncwadi kukhuthazwa umba wokuba umntu angaziboni sele engumpha ochutywe walahlwa ekubeni engqongwe ngabantu abanokumnceda kuba intaka yakhe ngoboya benye yaye umntu ngumntu ngabantu.

Umbhali usebenzisa ulwimi oluntsonkothileyo nolufuna ingqiqo nengqwalaselo kulowo uyifundayo le ncwadi. Ukuba ufuna ukuva isiXhosa esingangxengwanga uya kuba uzifunz' ecaleni xa uphoswa kukufunda le ncwadi. Oozungul' ichele baya kukha phantsi isitya sigcwele kuba umxholo wayo uya kubasithela xa bethe abazikisa ukucinga.

Le mibongo incamis' umxhelo yaye ithi ndifunde. Wakufunda owokuqala awunakuzixolela ungayifundanga yonke de uye kufika kowokugqibela ukuze uve ukubetha kolwimi lwalo mbhali.

Formats

  • OverDrive Read
  • EPUB ebook

subjects

Languages

  • Xhosa

Loading