Error loading page.
Try refreshing the page. If that doesn't work, there may be a network issue, and you can use our self test page to see what's preventing the page from loading.
Learn more about possible network issues or contact support for more help.

Iliwa libhek' umoya

ebook
2 of 2 copies available
2 of 2 copies available

Ndithabath' usiba kuba ndichukunyiswa ziimeko neenkxwaleko abathi badibane nazo abantu kulo mhlab' umagad' ahlabayo. Oonozala baqamela ngeenyembezi kub' ikat' ilel' eziko. Wachithek' umzi wazintsaba zahlukane kub' umbundane udle de yangugelekeqe. Apha ebomini xa uthe wanyamezela uvume ukuba ngumthi ogotywa uselula Ikamva lakho liyaqaqamba de liqhakraze. Umzali ubonakala enegalelo kwanenxaxheba ekwakheni Ikamva lomntwana. Udlala indima enkulu ukululekeni umntwana. Sibona abantwana begcwele ezitalatweni ngenxa yokungabikho komzali. Xa kusifa intaka endala amaqanda ayabola.

Kule ncwadi kukwaxhotyiswa uluntu ngobungozi bobhelu lomsele kuba lungudl' omdlayo. Kukwavezwa nendlela apho athi abekwe amabala esonyeliswa ngayo lowo uthe waba yinkokheli engqongqo. Inkokheli ibonwa ubunja nentw' engento ngabantu abayijongele phantsi.

Aph' ebomini kukho izinto ezibangel' umtha wedolo kwabo baziphethe ngokungenabatha. Kukho abantu abangenalusini, abasimilo sinemihlisela. Le ncwadi ibethelela uluvo lokuba xa abantu benokuba ngamaphuth' ahlathinye, bakhothan' amanxeba, bangasichila nasiphi na isichotho esingxamele ukutshabalalisa ikamva labo.

EMbo mz' ontsundu, midaka yakowethu. Zemk' iinkomo magwalandini!

Formats

  • OverDrive Read
  • EPUB ebook

subjects

Languages

  • Xhosa

Loading