Le yincwadana yemibongo engama-25 egqogqe yabhentsisa ukuziphatha kwanempatho yabaBantu. Lengqokelela yemibongo ibhalwe ngelizwi eligxeka-lincoma intlalo yabantu boMzantsi Afrika, kuquka nelizwekazi iAfrika, kusukeka kwindlela abaphathwa ngayo ngabasemagunyeni, izigqibo abazithathayo phantsi koxinzelelo lwengqondo, ezoqoqosho, amasiko, imfundo nefuthe lemvelaphi ukubala nje imiba embalwa.
Isihloko UZatshoba kunye neenjongo emva kwaso kukugqamisa, ukukhumbuza nokufundisa ngentsingiselo nophawu lwalenkwenkwezi iqabileyo. Ubuchule ke busekuyifaniseni noBuntu bethu bona obuthe emva kwethuba kwabonakala buphela kancinci kancinci.